Amandla obuchopho
Lawula uxinzelelo
Indlela ubuchopho bakho bunomela uxinzelelo.
Uxinzelelo oluncinane lunokukukhuthaza – ukufunda ukulawula uxinzelelo kufana nokuba namandla akhethekileyo, lonto igcina ubuchopho busesimeni esilungileyo yaye bungakhathali.
Kuziva ngathi ...
Umahluko phakathi kwembiza ephekwa emlilweni nembiza ephekwa estovini
Kutheni kululungele
- Ukungabi nexhala, umoya ubephezulu
- Ingqondo ebukhali – ukukhumbula nokugxila okomeleleyo
- Inkqubo yokhuseleko yomzimba eqinileyo
Uyakwazi na?
Indlela okunceda ngayo ubuchopho bakho
- Ukunciphisa ihormones zokucinezelwa ezifana ne-Cortisol kukhusela izicubu zengqondo yakho ekonakaleni.
- Ukulawula uxinzelelo kuphucula imeko yakho kwaye kunciphise Ukuxhalaba, oku kukhokhelela ekukhumbuleni nasekugxileni okungcono.
- Inkqubo yomzimba eqinileyo, exhaswa ngolawulo loxinzelelo, ixhasa impilo engcono yobuchopho.
Zama oku
Iingcebiso ezi-3 eziphezulu zolawulo loxinzelelo
- Ziveze ngomculo, ubugcisa, ukubhala okanye amabali. Ezi ndlela zokudala zikunceda ukuchitha uxinzelelo, ufumane ukuzola kwangaphakathi kwaye wakhe ubudlelwane obomeleleyo nabanye.
- Yakha ikhambi lokuchitha uxinzelelo ngomoya, ukuhamba kunye nokuphumla okusemgangathweni (okongezwe ngeendlela zokuphumla ezohlukeneyo) ukulawula uxinzelelo ngempumelelo.
- Zama ukuphumla okunzulu ungalelanga (Non-Sleep Deep Rest) – cinga ngayo njengokuphululwa kwengqondo apho uphumle nzulu kodwa ungalelanga.