Amandla obuchopho

Shukushukuma

Ukunyuswa kwamandla obuchopho bakho.

Ukushukuma kufana nokuvula amandla obuchopho bakho. Asithethi ngemisipha qha – inyathelo ngalinye olithathayo lithumela umyalezo wotshintsho olulungileyo kwingqondo yakho.

Kuziva ngathi ...

Feels like getting active

Xa uqala ukuhamba, kufana nokukhanyisa zonke izibane engqondweni yakho. Yonke into iyaqaqamba, icace gca, kubonakale isenzeka. 

Why it's good for you

Kutheni kukulungele

  • Ngokwendalo kuphakamisa umoya kwaye kunciphisa uxinezelelo
  • Ukugxila okucacileyo kunye nokucinga okucacileyo
  • Kuhle ekulweni noxinzelelo lwemihla ngemihla
Ngaba uyayazi?

Indlela okuncedisa ngayo ubuchopho bakho

  • Xa ushukuma unyusa ukuhamba kwegazi engqondweni, kulethela umoya-mpilo kunye nezondlo ezibalulekileyo.
  • Ukuzivocavoca kwenza ukukhululwa kwe-BDNF (brain-derived neurotrophic factor) – efana ne 'miracle-grow' kwiiseli zengqondo yakho, ekhuthaza ukukhula kweeseli zengqondo kunye noqhagamshelano, olubalulekileyo ekufundeni nasekukhumbuleni.
  • Umsebenzi womzimba uphakamisa umoya wakho kwaye unciphise inxalabo
How it helps your brain
3 top tips to for getting active
Zama oku

Iingcebiso eziphezulu ezi-3 zokushukushukuma

  1. Xuba icardio kunye noqeqesho lwamandla (njengokuphakamisa intsimbi okanye ukuzivocavoca umzimba.
  2. Jonga iiyure ezi-3 zokuzivocavoca ngeveki– iyure enye ye-cardio ephantsi, iyure enye yoqeqesho lwamandla, kunye neyure enye yoqeqesho oluphakamileyo lwe-intervals ukwandisa impembelelo kwimpilo yakho yobuchopho.
  3. Khetha ukwenza izinto ozithandayo – nokuba ngumjuxuzo, ukuqubha okanye ukukhwela ibhayisekile – kwenza ukuzivocavoca kube nolonwabo.