Inkxaso yobuchopho

Iingcali zempilo yengqondo

Abaninzi abasebenza kwezonyango banikezela ngenkonzo yeemali eziguqukayo, kwaye izibhedlele zikarhulumente zibonelela ngeenkonzo zasimahla okanye ezingabizi kakhulu. Iinkonzo ze medical aid nazo zibonelela ngeenqanaba zoncedo ezohlukileyo.

Njengokuba sinoogqirha abohlukeneyo kwizitho ezahlukeneyo zomzimba wethu, sinengcali ezahlukeneyo kwimpilo yobuchopho bethu. Nokuba ufuna umntu oza kuthetha naye, iingcebiso ezisebenzayo okanye inkxaso yezonyango, kukho ingcali eqeqeshiwe yokukunceda.

Ukufumana inkxaso efanelekileyo

Ogqirha bengqondo

Ukuba nogqirha okhethekileyo kwimpilo yakho yengqondo.

Zingoogqirha bezonyango abanakubhala amayeza kunye nokunyanga izimo ezinzima.

Zifikeleleka ngokudluliselwa yiGP kwiikliniki/izibhedlele zosuku (asimali, ixesha elide lokulinda), okanye kwimibutho yabucala (kukho iindleko ezibandakanyekayo). Fumana nge: iinkcukacha zababoneleli beenkonzo zonyango, iinethiwekhi zezisibhedlele okanye iSASOP (Iqela leengcali zengqondo zaseMzantsi Afrika).

Iingcali zengqondo

Isikhokelo sakho kwizinto ezinzima zobomi.

Banoqeqesho olukhethekileyo ukunceda ngayo yonke into kusukela kukuxhalaba kufikela kungxunguphalo besebenzisa ezona ndlela ezisebenzayo. Bafumane apha: Izibhedlela, I internet, iqela leengcali zengqondo elibizwa nge PsySSA (Psychological Society of South Africa) , amaziko oluntu kunye neeDyunivesithi.

Abacebisi (ababhalisiweyo kwi-HPCSA)

Umntu ozakuhamba ecaleni kwakho ngamaxesha anzima.

Cinga ngabo njengabantu abanobuchule bokumamela, abanokukunceda ufumane indlela xa uphantsi koxinzelelo, intlungu okanye iingxaki ezidibene Nothando – kodwa abanyangi iimeko ezimaxongo. Bafumane apha: I Directory ye Health Professional Council of South Africa (HCPSA), amaziko ononopheloi lwempilo yoluntu.

IiSocial Workers

Ibhlorho yakho kwinkxaso yemvakalelo neyokwenene.

Abakumameli baphinde bakukhokhele qha kodwa banamandla wokukubonelala ngezixhobo xa ubomi bunzima.

Bazingcali zokukucebisa nokukuxhumanisa kubantu nezikhululo onofumana uncedo kuzo – kusuka kwindawo yohlala ukuya kwiziko lempilo. Bafumane apha: Inkonzo karhulumente yasimahla – Isebe loPhuhliso loLuntu I 0800 428 428 , imibutho yoluntu.

IIOccupational Therapists (impilo yengqondo)

Amaqabane ekwenzeni ubomi bemihla ngemihla bube lula ngakumbi.

Bakunceda wakhe izakhono ezisebenzayo kwaye bafumane iindlela zokwenza imisebenzi yakho yemihla ngemihla isebenze ngcono kuwe. Bafumane kwi: OTASA (Occupational Therapy Association of South Africa), izibhedlele, Amaziko okubuyisela kwimeko yesiqhelo, izikhululo zabucala, Iindleko ezibandakanyekayo.

Abacebisi bempilo-ntle (ababhalisiweyo kwi-ASCHP)

Amaqabane akho ekukhuleni kwakho.

Bagxila ekukuncedeni ukuba wakhe ubomi obunempilo, obulinganayo, kodwa abanyangi iimeko ezibuthathaka. Fumana nge: uluhlu lwe-ASCHP, iindawo zokuphila kakuhle, iinkqubo zabasebenzi kwiinkampani. Kukho iindleko.

Wellness counsellors illustration

Abacebisi bemveli

Amalungu oluntu anenkathalo anoqeqesho olusisiseko.

Banikezela ngendlebe enobuhlobo kunye nenkxaso, ilungile xa ufuna nje umntu onokuthetha naye, kodwa abaqeqeshwanga kwizinto ezinzima. Fumana nge: amaziko oluntu asekuhlaleni, imibutho yeze, iSADAG.

Iingcebiso ngokubanzi zokufumana inkxaso yempilo yengqondo

Khumbula: Thatha ixesha lakho ukukhetha, kuba kufuneka ufumane inkxaso yempilo yengqondo evakala ilungile kuwe.

  1. Cela ingcebiso kugqirha wakho.
  2. Izibhedlele zombuso, izibhedlele zasekuhlaleni zoluntu kunye neekliniki zineendlela ezahlukeneyo zenkxaso – ungadinga ingcebiso kagqirha kwezinye iinkonzo.
  3. Qalisa ngoluhlu lwe medical aid yakho ukuba unazo iingenelelo.
  4. Qhagamshelana neQela loNxunguphalo noxinzelelo lwaseMzantsi Afrika (SADAG) | 0800 456 789 ufumane ingcebiso.
  5. Sebenzisa izixhobo zokukhangela iingcali zengqondo kwi-intanethi.
  6. Jonga ukuba umqeshi wakho unenkqubo yoNxibelelwano lwaBasebenzi (Employee Assistance Programme).
  7. Cinga ngeendlela zonyango lwasemnxibeni, ezinokufikeleleka ngakumbi kwaye ngamanye amaxesha zingabizi kakhulu.

Usoloko uqinisekisa izatifikethi ngeBhunga leeMisebenzi zoNyango zaseMzantsi Afrika (HPCSA) kwaye ungoyiki ukubuza malunga neendleko ezahlukeneyo ukuba ixabiso liyakukhathaza. Lingcali ezinintsi kulo msebenzi zinikezela ngamaxabiso athotyiweyo ngokuxhomekeke kwingeniso yakho.

Finding mental health professionals illustration