Inkxaso yobuchopho
Imibuzo ebuzwa rhoqo malunga nempilo yobuchopho
Ukuqonda impilo yobuchopho kubalulekile kwimpilo iyonke. Iimeko zempilo yengqondo ziqhelekile kwaye zinokuchaphazelwa imfuza, amava obomi, kunye nokusebenza kobuchopho. Lemibuzo ijonga ukuba kutheni iingxaki zempilo yengqondo zivela, indlela ezinonyangwa ngayo, kunye nendima edlalwa yindlela yokuphila ekugcineni ingqondo isempilweni.
Ubuchopho bolutsha busakhula ingakumbi indawo ezinjenge (Prefrontal Cortex) elawula iimvakalelo nokwenza izigqibo. Obubuthathaka benza ubuchopho bukwazi ukulungelelaniswa kodwa lwenza ulutsha lube novakalelo kuxinzelelo nemiceli mngeni yobuchopho.
Umxube wemfuza, ikhemistri yobuchopho, iziganeko zobomi (njengongxunguphalo noxinzelelo), impilo yomzimba kunye nezinto zoluntu (njengokwahlukaniswa ebantwini okanye iingxaki zemali).
Omnye kwabathathu abahlali base Mzantsi Afrika bazokuba nemeko yempilo yengqondo kubomi babo kwaye omnye kwabane kwihlabathi jikelele uzawchaphazeleka. Ukudakumba nokuxhalaba zezona zigulo ezixhaphakileyo. Emazantsi e-Afrika (Sub Saharan Africa), omnye kwabane abantu banoxinzelelo olubonakala emva kongxunguphalo (post traumatic stress disorder). Ababini kwabahlanu bayadakumba (depression) kwaye omnye kwabahlanu abeneempawu zofuna ukuzibulala. Ezimpawu inokuba zingcinga, izicwangciso okanye imizamo yokuzibulala. eMazantsi e-Afrika, kulutsha , omnye kwabahlanu uneengxaki zempilo yengqondo – malunga nabathathu kwabalishumi uba nesigulo sokuxhalaba kwaye omnye kwabane abe neemopawu zokudakumba.
Ewe, njengemingeni yempilo yomzimba, imingeni yempilo yengqondo iyakwazi unyangwa ngokusebenzisa amayeza, utshintsho kwindlela yokuphila, kunye nenkxaso efumaneka kuluntu. Ukufumana uncedo msinyane kuphucula kakhulu iziphumo.
Ukuzivocavoca , ukutya okulungileyo, ukulala okwaneleyo, kunye nokulawula uxinzelelo kunceda ukugcina ubuchopho buphilile kwaye kuxhase impilo yengqondo, ngokunciphisa Ukudumba
okuhambelana nemiceli mngeni yengqondo.
Qhagamshelana ngokukhawuleza nomhlobo othembekileyo, ilungu losapho, okanye I helpline yoncedo ngokwempilo yengqondo. Ukusebenzisa iindlela zokuzola okanye ukufuna uncedo loogqirha kunokunika ukukhululeka ngexesha lengxaki. Fumana uncedo apha.
Iindawo ezahlukeneyo zobuchopho kunye neekhemikhali zilawula iimvakalelo zethu kunye neempembelelo kuxinzelelo, ezifana ne-prefrontal cortex kunye ne-Amygdala. Iikhemikhali okanye ii-Neurotransmitters ezifana ne-serotonin kunye ne-dopamine zibaluleke kakhulu. Xa ezi zingasebenzi kakuhle, kunokuchaphazela impilo yengqondo.