Inkxaso yobuchopho
Yintoni onoyenza xa ukwimeko emaxongo
Ingxaki ngokwempilo yengqondo ingakwenza uzive unobunzima kakhulu. Kodwa uncedo luyafumaneka ngoku, kwaye awunojongana nayo uwedwa. Nazi izibonelelo ezikhawulezileyo kunye namanyathelo onowathatha ukuze ufumane inkxaso ezonceda uzive ukhuselekile kwaye ubuyele kwisimo esilungileyo.
Indlela evakala ngayo
- Ukucinga ngokuzibulala okanye ukuzenzakalisa
- Ukucinga ngokwenzakalisa abanye
- Ukuxhalaba kakhulu okanye ukoyika kakhulu
- Ukudakumba kwengqondo okanye ukulahlekelwa lithemba
- Ukukholelwa okanye ubone izinto ezingekhoyo
Zama oku
Yenza oku kuqala
- Fumana indawo ekhuselekileyo
- Phefumla nzulu, ngokucotha
- Qhagamshelana ne helpline okanye umntu omethembayo
- Hlala nomntu ukuba kunokwenzeka
Indawo onoya kuyo
- iEmergency room ekufuphi / Trauma Centre
- I Clinic ekufuphi
- Iziko Lwezempilo loluntu
- Ugqirha wakho
- Ingcali yempilo yengqondo yabucala
Uthini na
Thetha ngqo
- "Ndineengcinga zokuzibulala"
- "Ndifuna ukuzibulala"
- "Andikwazi ukuqhubela phambili"
- "Ndifuna ukuyeka yonke into"
- "Ndine ngxaki yempilo yengqondo"
Ulwazi olubalulekileyo onokulwabelana ngalo
- Naziphi na iinxalabo zokhuseleko lwangoko nangoko
- Imbali yempilo yengqondo yakho
- Iimpawu zangoku
- Ukufikelela kwiindlela zokuzenzakalisa
- Nakuphi na ukusetyenziswa kweziyobisi – kubalulekile uthethe ngokunyanisekileyo nangokukhululeka ngalonto.