Uxinzelelo lobuchopho

Ukuxhalaba

Xa ukukhathazeka kungapheli.

Ixhala alikho nje ngokuba novalo.Yindlela umzimba wakho osabela ngayo kubungozi kunye noxinzelelo ukuze zingabi zinkulu njengoko zibonakala.

Ngelixa ukukhathazeka okuncinci kungakunceda uhlale ulumkile, xa kuba yingxaki engapheliyo, kunokulawula ubomi bakho kwaye kuphazamise yonke into ukusuka kubudlelwane ukuya kwimpumelelo yomsebenzi.

Kuziva ngathi ...

Anxiety feeling illustration - on edge

Ngathi uhleli usemphethweni rhoqo ungazinzanga, ulindele into ezokonakala.

Anxiety feeling illustration - racing thoughts

Nokuba akukho nto okufuneka uxhalabe ngayo ngoko nangoko,ingqondo yakho iyajikeleza, Inginga ezinzinci ziphenduka ingcinga ezongameleyo.

Anxiety feeling illustration - physical symptoms

Uziva ungazolanga, unexhala okanye ngamanye amaxesha ugula ngokomzimba ngenxa yobunzima beengcinga zakho.

Indlela Ixhala lichaphazela ngayo ubuchopho bakho

Isikhungo somyalelo’ sengqondo sixakekile

Ubunzima bokugxila, Ukudinwa ukwenza izigqibo

I-Prefrontal Cortex yakho yindawo engqondweni esebenzela ukunceda ulawule iimvakalelo kunye nokwenza izigqibo. Xa ixakekile ngenxa yexhala, kunzima ukugxila, iingcinga ziba nkungu kwaye wenze izigqibo ezingalunganga.

Inkqubo yesilumkiso’ yengqondo isebenza ngaphezulu

Uhlala ulumkile

Inkqubo yesilumkiso yengqondo yakho
(I-Amygdala) iba novakalelo kakhulu, yenza izinto ezincinci zibonakale njengezoyikiso ezinkulu. Oku kukhokelela kwimvakalelo yokoyika rhoqo kunye nexhala, nokuba akukho bungqina bengozi.

Iikhemikhali zobuchopho ziphazamisekile

Utshintsho lwemvakalelo kunye noxinzelelo olungapheliyo

Uxinzelelo luchaphazela umlinganiselo weekhemikhali zobuchopho, oku kukhokelela kwiimvakalelo ezihla zinyuka rhoqo , ukungabinawo umdla kunye nokuziva uhlale useluxinzelelweni.

Self assessment icon

Ukuzivavanya okukhawulezayo

Ingaba uyazibuza ukuba Ukuxhalaba kwakho akulawuleki? Thatha esi sivavanyo sikhawulezayo ukubona apho umi khona. Sukhathazeka , iyindlela elula nje yokuhlola ukuba uziva kanjani.

Zihlole ngokwakho apha Right arrow
Get help icon

FUMANA UNCEDO

Finyelela ihelpline ye ntlekele mahhala ngalomzuzu , esebenza mihla ngemihla ukwazi ukufumana inkxaso ephangeleleyo.

Ukuba wena okanye umntu omthandayo unengxaki yezempilo zobuchopho, akufuneki ubhekane nayo wedwa.

SADAG Suicide Crisis Helpline

0800 567 567