Ungxunguphalo
Xa uziva ngathi ihlabathi lakho liyashukuma.
Ungxunguphalo ayiyonto imbi nje – Kuxa kwenzeka isiganeko esingaphezu kwamandla wengqondo nomzimba wakho.
Ngaphandle kwenkxaso, ungxunguphalo lungaba sisithunzi esikukhathazayo, sichaphazela ubudlelwano bakho, umsebenzi kunye nobomi bakho bemihla ngemihla.
Ungxunguphalo ingayinto esuka kusapho nakwiindawo zoluntu. Ukuqonda ungxunguphalo linyathelo lokuqala lokubuyisa ukhuseleko kunye nolawulo lwakho.
Kuziva ngathi ...
Njengoko inkqubo yakho yezinzwa ihleli iqwalasele. Umhlaba uvakala unobungozi, ungaziwa.
Izinto ezilula – ezifana nokugqitha apho ungxunguphalo lwenzeka khona, ukuva ingxolo ngesiquphe, okanye uphakathi kwesihlwele – zingenza intliziyo yakho humuhumu.
Ungaziva ungasenalo uqhagamshelwano nabantu obathandayo, ingathi ujonge ubomi kwindonga zeglasi.
Yintoni eyenzekayo ebuchosheni bakho?
Yilwa-baleka-yima
Ukuhlala ulumkile,ukudinwa
Inkqubo yesilumkiso yobuchopho bakho ihlala isebenza,ikugcina ungazinzanga kwaye igqiba amandla akho.
Ukuphazamiseka kwememori
Izikhumbuzo eziphindayo kunye nezikhewu
Ungxunguphalo linokwahlula iinkumbulo zakho, oku kungakhokhela kwiinkumbulo ezicacileyo ngesiquphe okanye ubunzima bokukhumbula iinxalenye zamava.
Inkqubo yezinzwa
Iimpawu zomzimba
Umzimba wakho uhlala ulungele ingozi,oku kungadala ukungazoli, iingxaki zokulala, kunye noxinzelelo lomzimba.
Ulawulo lweemvakalelo
Iimvakalelo ezinzulu
Iimvakalelo eziqhelekileyo zinokubonakala zingxamisekile, zikhanela intsilelo engalindelekanga kunye nokungaziva zintle ngokwengqondo.
Impembelelo kwezoluntu
Ukuzihlukanisa nokungathembani
Ungxunguphalo lunokushukumisa ukuthemba kwakho abanyo abantu nehlabathi, yenze kube nzima ukugcina ubudlelwane.
Ungxunguphalo olunzulu
Kunzima ukugxila okanye ukucwangcisa Ikamva.
Amava amaninzi ongxunguphalo ngexesha elininzi ayaqokelelana, oku kwenza ukululama kube nzima.
Nantsi into ebalulekileyo ekufuneka uyiqonde: ezizinto zenzakalayo azizompawu zobuthathaka - zezona mpawu zengqondo nomzimba wakho kwiimeko ezingaqhelekanga. Amava akho afanelekile, izenzo zakho ziyavakala, kwaye eyona nto ibaluleke kakhulu, ukuphila kunokwenzeka.
Ukuzivavanya okukhawulezayo
Ubomi buza nezinto ezininzi, kwaye ngamanye amaxesha kunzima ukuqonda xa sithwele ngaphezu kokufanele – ingakumbi kuba indlela esijongana nongxunguphalo ngayo ingohluka kumntu nomntu.
Lento yokuvavanya ilapha ukukunceda uqonde xa unokubhekana nezigameko zongxunguphalo – ikuncede uqaphele izenzo okanye imikhuba evelisa ungxunghalo olungakhange lunyangwe.
Zihlole ngokwakho apha
FUMANA UNCEDO
Finyelela ihelpline ye ntlekele mahhala ngalomzuzu , esebenza mihla ngemihla ukwazi ukufumana inkxaso ephangeleleyo.
Ukuba wena okanye umntu omthandayo unengxaki yezempilo zobuchopho, akufuneki ujongane nayo wedwa.
SADAG Suicide Crisis Helpline
0800 567 567