Uxinzelelo
Xa uxinzelelo luba lukhulu.
Uxinzelelo alulubi kwaphela – lunokukunceda ugxile phantsi koxinzelelo kwaye ukwazi umelana nengozi.Kodwa xa lungapheli, ubuchopho nomzimba wakho ziyabandezeleka.Uxinzelelo lusasazeke umzimba wakho onke lukugcine uphaphile. Ngokuhamba kwexesha
oku kunokukhokhelela kwixhala, ukudakumba, iingxaki zokukhumbula, kubandakanye neemeko zomzimba ezinje nge high blood nesifo sentliziyo.
Kuziva ngathi ...
Kunjengokuzama ukugcina intloko yakho ingaphezulu kwamanzi ngelixa uphethe umthwalo osoloko ubanzima. Ngezinye imini, uyakwazi ukuqhubeka.
Ngezinye imini, izinto ezincinane – njenge-taxi ikhwaza okanye i queue ende – zingakwenza ube nomsindo.
Indlela uxinzelelo oluchaphazela ngayo ubuchopho bakho
I-Cortisol ephezulu
Ubambelela kwindlela yokusinda
I-Cortisol, ihormone ephambili yoxinzelelo emzimbeni, inceda okwethutyana, kodwa xa amanqanaba ephezulu rhoqo, igcina umzimba wakho ulumkile, oku kukhokhelela kwinxalabo, ukulala okungonelanga kunye nokudinwa.
Isikhungo soqwalaselo sobuchopho sigcwele kakhulu
Ukucinga okungacacanga, izigqibo ezingalunganga
Isikhungo soqwalaselo sobuchopho – i-Prefrontal Cortex – sinoxanduva kwindlela ubuchopho buthatha ngayo izigqibo kunye nolawulo lweempembelelo zethu. Iyazabalaza ngaphantsi koxinzelelo , oko kwenza kube nzima kube nzima ukugxila, ukucwangcisa okanye ukulawula iimvakalelo zakho.
Inkqubo yokwexwayisa yobuchopho isebenza kakhulu
Ngalo lonke ixesha ihleli imaxonge
Inkqubo yokwexwayisa yobuchopho bakho (indawo yobuchopho ebizwa ngokuba yi-Amygdala) iba buthathaka ngokugqithisileyo , yenza ukuba nokucinezela okuncinane bukwenze uziva usindwa kwaye kukugcine uziva usoyika kwaye unexhala.
Ukudumba
Ukuphazamiseka konxibelelwano lobuchopho
Uxinzeleko lwexesha elide lubangela ukudumba emzimbeni, oko kunokuphazamisa iimpawu zobuchopho. Oku kungakhokhelela kwinkungu yobuchopho, amandla aphantsi kunye nokwanda komngcipheko wokudakumba.
Amakhemikhali obuchopho aphazamisekileyo
Umoya ophantsi, umnqweno ophantsi
Uxinzelelo luchaphazela amakhemikhali 'okuziva kakuhle' kubuchopho. Oku kuthetha umnqweno ophantsi kunye novuyo oluncinci, kwaye kunokuba negalelo kwimvakalelo ezingenakuzinza kunye nokuziva unosizi.
Ukuzivavanya ngokukhawuleza
Kunzima ukwazi ukuba umthwalo woxinzelelo mkhulu kakhulu ngaphandle kokubuyumva.Esi sixhobo esilula sikunceda uqonde apho ukhona. Akukho kugxekwa, nje umfanekiso wokuba uxinzelelo lunokukuchaphazela kanjani.
Thatha uvavanyo lwakho apha
FUMANA UNCEDO
Fikelela umnxeba wexabiso lamahhala ngalomzuzu ukuze ufumane inkxaso kunye nokuqonda okungapheleyo ngeengxaki zakho
Ukuba wena okanye umntu omthandayo uphila neengxaki zempilo yobuchopho, akufanelanga ukuba ujongane nazo wedwa.
SADAG 24-hour Crisis Helpline
0800 567 567