Archives: Tooltips

3 March 2025

Uxinzelelo Oluyityhefu

Uxinzelelo oluqatha okanye oluqhubekayo olungaphezu kwamandla obuchopho, olunokukhokelela kwiingxaki zempilo ezithatha kade kunye neengxaki zempilo yengqondo….

Read More…

Inkqubo Yemithambo-Luvo Ephendulayo

Inxalenye yenkqubo yemithambo-luvo enoxanduva lokuvusa izenzo zokulwa okanye ukubaleka (fight-or-flight) ngexesha loxinzelelo. Xa ixakekile kakhulu, inokuba negalelo ekuxhalabeni nasekuxineneni….

Read More…

Iihomoni Zoxinzelelo

Iikhemikhali ezifana ne-Cortisol ne-adrenaline ezinceda umzimba ukuphendula kuxinzelelo. Xazisebenza kakhulu kunokukhokhelela kwiingxaki zempilo yengqondo nomzimba….

Read More…

Ukubekwa ibala luluntu

Iindlela ezingalunganga okanye ucalucalulo olubhekiswe kubantu abajongane neengxaki zempilo yengqondo, ezinokuthintela umdla wabantu ekufuneni uncedo….

Read More…

Ukomelela Kwengqondo

Amandla engqondo okubuyela emva kwiimeko zoxinzelelo kunye nobunzima. Ukwomeleza ukomelela ngokuziphatha okuhle kunokuphucula impilo yengqondo….

Read More…

iPrefrontal Cortex

Inxalenye yengqondo enoxanduva lokucinga nzulu, ukwenza izigqibo, kunye nolawulo lweemvakalelo. Xa ixinzelelwe kakhulu, kunokuba nzima ukugxila nokwenza izigqibo….

Read More…

Ukutshintshatshintsha Kwengqondo

Amandla wengqondo okutshintsha nokuzilungisela ukufunda, ukuba namava ngobomi, okanye ekuphileni emva komonakalo obangelwa luxinzelelo….

Read More…

Uqhagamshelwano lomzimba nenggondo

Ubudlelwane phakathi kwempilo yengqondo kunye neyomzimba, apho uxinzelelo kunye neemvakalelo zinokuchaphazela impilo iyonke….

Read More…

Ukukhathala kwengqondo

Imeko yokudinwa kwengqondo ngenxa yoxinzelelo oluqhubekayo okanye umsebenzi omninzi, okubangela ukungakwazi ukugxila, ukulibala, kunye nokungabi nomdla….

Read More…

Ukudumba

Impendulo yesiqhelo yomzimba ekwenzakaleni okanye isigulo. Xa kuqhubeka ixesha elide, inokuba negalelo kwizigulo ezidibene nalendlela umntu aziva ngayo kunye nokwehla kwamandla engqondo….

Read More…